The Constitution in isiXhosa (1996)

27th February 2017

Thina, bantu bomZantsi Afrika,
Siyaziqonda iimeko zolwaphulo-bulungisa zamaxesha ethu adlulileyo;
Sibanika imbeko abo beva ubunzima bebulalekela ubulungisa nenkululeko elizweni lethu;
Siyabahlonela abo bathi basebenzela ukwakha nokuphuhlisa ilizwe lethu; kwaye
Sikholelwa ekubeni umZantsi Afrika ngowethu sisonke thina sihlala kuwo, simanyene nangani
siziintlobo ngeentlobo.
Thina ke ngoko, ngabameli bethu abanyulwe ngokukhululekileyo, siyawuvuma lo mGaqo-siseko
ukuba ungowona mthetho wongameleyo weRiphabliki ukuze –
Ungcibe udibanise izantlukwano zangaphambili uze wakhe uluntu olusekwe kwizithethe
ezixabisekileyo zedemokhrasi, ubulungisa kwezentlalo namalungelo abantu asisiseko;
Wenze isiseko soluntu oluphila ngendlela yedemokhrasi nolwenza izinto elubala apho urhulumente
asekelwe kwintando yabantu nalapho wonke ummi ekhuselwe ngokulinganayo ngumthetho;
Uphucule ixabiso lokuphila kwabo bonke abemi, uze uvumele ukusebenza kwesakhono somntu
ngamnye; kanjalo
Wakhe umZantsi Afrika omanyeneyo nonedemokhrasi onakho ukuthabatha indawo yawo
efanelekileyo njengelizwe elinobunganga kusapho lwezizwe ngezizwe.
Wanga uThixo angabakhusela abantu bakokwethu.
Nkosi Sikelel’iAfrika. Morena boloka setjhaba sa heso.
God seën Suid Afrika. God bless South Africa.
Mudzimu fhatutšhedza Afurika. Hosi katekisa Afrika.